Intlekisa

4 0 0
                                    


ndingumntu nje ongumahlalela ongathathintweni
bendisele ndibhadula ndizingela apho kunentselo khona
ewe kaloku mna isikolo ndasigqiba kodwa akuzange kubekho" University "endithathayo
bendilixhoba lengcindezelo ngokomoya(depression)-ndifundile kodwa akhonto itshoyo ngoku
imizamo yam yona ibingathathelwantweni kodwa impazamo zam bezijongwe okwentaka ehambela phezulu ibuye izotya apha phantsi
etywaleni kulapho bendizithuthuzela khona ngeebhotile zotywala
bendisele ndisisahluleki esigqithiseleyo,bendingathathelwa-ntweni
abantu bebengafuni kwantsana ezondibuza ukuba kwathini kanti ngam
bendisele ndithembele ngonozala kodwa bendizikhisa amanzi ngesefu
bendilala ndivuke ngentlambha kuba eyam imizamo zange yacaca zisasuka
kanti mna ndigwetyelwa ezikabani izono
ndonebani kulomhlaba
intlekisa bokundim ubuqhu
bokungekho norhalela ukwazi ngam nencazelo yam
Kodwa ndixhathise kwelokuba uThixo akayosidenge .

You've reached the end of published parts.

⏰ Last updated: Mar 27, 2022 ⏰

Add this story to your Library to get notified about new parts!

Intlekisa Where stories live. Discover now